Abantwana abakhuli kakuhle. Baba bafutshane kunabantwana abaneminyaka elingana neyabo abafumana i-ayodini eyoneleyo.
Abantwana baye babe neengxaki zokufunda kwaye bangaqhubi kakuhle esikolweni.
Abantu badinwa ngokukhawuleza.
Abantwana bazalwa bebancinane.
Umonakalo wengqondo uyenzeka ebantwaneni.
Ukuphuma kwezisu okuzenzekelayo, njengabantwana abazalwa sele beswelekile kunye nokuphuma kwezisu.
Ukuba ngaba umntu:
Usebenzisa ityuwa erhabaxa, ene-ayodini elambathayo;
Utya ukutya okungenayo i-ayodini eyaneleyo.
Kusebenzisa ityuwa ene-ayodini. Iyafumaneka kwiivenkile ezininzi ezithengisa ukutya. Amagama athi "ityuwa ene-ayodini" kufuneka avele kwisiqulatho
Yitya ukutya okufana nentlanzi enamanzi anetyuwa, ukuba kuyenzeka.
Intwana encinane yetyuwa yetafile ene-ayodini yanele ukuba ithintele i-IDD.
Akukho mfuneko yokuba nabanina atye ityuwa ene-ayodini engaphaya. Ukuthatha imithamo emininzi ye-ayodini akuyi kwenza ukuba umntu aphaphe okanye akhule abe mde. Inyani kukuba, ityuwa eninzi inokwenyusa uxinzelelo lwegazi, into eyingozi kakhulu.
INGABA ITYUWA ENE-AYODINI INGCAMLEKA NGOKWAHLUKILEYO?
Ityuwa ene-ayodini ijongeka kwaye ingcamleka ngokufanayo netyuwa engenayo i-ayodini.
INGABA ITYUWA ENE-AYODINI IKHUSELEKILE?
KUFUNEKA IGCINWE KWAYE ISETYENZISWE NJANI ITYUWA ENE-AYODINI?
Gcina ityuwa yakho ene-ayodini kwisiqulatho esomileyo esinesiciko esibambayo okanye uyivalele kwingxowa yeplastiki, kuba i-ayodini iguquka ibe ngumphunga msinyane.
Faka kuphela intwana yetyuwa ene-ayodini ekutyeni xa ukutya sele kuza kuvuthwa, kuba inxenye ye-ayodini itshatyalaliswa bubushushu ngexa kuphekwa.
KUTHENI KUBALULEKILE NJE UKUTHINTELA I-IDD?
Wonke umntu ufuna ukutya okwahluka hlukeneyo kunye nentwana encinane yetyuwa ene-ayodini yonke imihla ngempilo entle kunye nokukhula kwengqondo nomzimba okungcono.
INombolo yomNxeba: 012 312 0000
Agasti 2001
